1 Kwabasetesalonika 3:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kungoko kwathi, singasenakuzibamba, kwakholeka kuthi ukuba sisale eAtene sedwa.

2. Sathuma uTimoti, umzalwana wethu, umlungiseleli kaThixo, osebenza nathi ezindabeni ezilungileyo zikaKristu, ukuze anizimase, anivuselele ngenxa yokholo lwenu,

3. kungabikho namnye ushukunyiswayo zezi mbandezelo; kuba nisazi ngokwenu ukuba simiselwe zona.

1 Kwabasetesalonika 3