8. Ndithi ke kwabangazekanga nabangendanga, nakubahlolokazi, kubalungele ukuba bathe bahlala njengam nje.
9. Kodwa ke, ukuba abanakuzeyisa, mabazeke, mabende, kuba kukhona kulungileyo ukuba kuzekwe, kwendiwe, kunokutshiseka.
10. Ke kaloku abazekileyo nabendileyo ndiyabathethela, phofu ingendim, iyiNkosi; ndithi, Umfazi makangahlukani nendoda
11. (ke ukuba uthe wahlukana nayo, makahlale angendi, okanye makaxolelaniswe nendoda yakhe); indoda mayingamali umfazi wayo.
12. Ke kaloku kwabanye ndithi mna, àkutsho iNkosi, Ukuba kukho mzalwana uthile unomfazi ongakholiweyo, aze umfazi lowo athande ukuhlala naye, makangamali.