1 Kwabasekorinte 7:17-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ke, njengoko uThixo wamabelayo ulowo, njengoko iNkosi imbizileyo ulowo, makahambe ngokunjalo. Ndimisa ngokunjalo ke kuwo onke amabandla.

18. Kukho mntu wabizwa engowalukileyo na? Makangazenzi ongalukileyo. Kukho mntu wabizwa engalukanga na?

19. Makangaluki. Ukwaluka oku akunto, nokungaluki oku akunto; okuyinto kukubamba imithetho kaThixo.

20. Elowo makahlale elubizweni abizwe ekulo.

21. Wábizwa ulikhoboka na? Ungakhathali koko; nokuba ke unokukhululeka, nyula kanye oko.

22. Ukuba lowo wabizwayo waba seNkosini elikhoboka, ungumkhululwa weNkosi; ngokunjalo nalowo wabizwayo engokhululekileyo, ulikhoboka likaKristu.

23. Nathengwa ngexabiso; musani ukuba ngamakhoboka abantu.

24. Bazalwana, elowo ekubizweni awabizwa ekuko, makahlale kuko ekuThixo.

1 Kwabasekorinte 7