1 Kwabasekorinte 6:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke. Zonke izinto zivumelekile kum, noko asindim oya kubekwa phantsi kwagunya lelayiphi;

13. izidlo zezesisu, nesisu sesezidlo; kodwa uThixo uya kubhangisa kokubini, sona nazo. Ke wona umzimba asingowombulo, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba.

14. UThixo ke wayivusa iNkosi leyo; uya kusivusa nathi ngamandla akhe.

15. Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu kaKristu? Ndiya kuthi na ke, ndiwathabathe amalungu kaKristu lowo, ndiwenze amalungu ehenyukazi?

16. Nakanye! Anazi na, ukuba onamathele kulo ihenyukazi, úmzimba mnye nalo? Kuba kuthiwa, Abo babini boba nyama-nye.

17. Ke onamathele eNkosini, úmoya mnye nayo.

18. Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba.

19. Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu?

20. Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.

1 Kwabasekorinte 6