1 Kwabasekorinte 5:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwandile ukuvakala ukuba kukho umbulo phakathi kwenu; ngumbulo ke lowo ongazanga ukhankanywe naphakathi kweentlanga, owokuba uthile abe nomfazi kayise.

2. Níbe ke nikhukhumele; ningabi kanye nikhedamile, ukuze anyothulwe phakathi kwenu lowo wenze loo ntlondi.

3. Kuba mna, ndingekho nje okunene ngesiqu, ndikho ngomoya; sendide ndamgweba oyenzileyo loo nto, njengokungathi ndikho;

4. ngathi, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu (nakùbon' ukuba nihlanganisene nomoya wam, kunye nawo amandla eNkosi yethu uYesu Kristu),

5. makanikelwe onjalo kuSathana, ukuba inyama itshatyalaliswe, ukuze wona umoya usindiswe ngomhla weNkosi uYesu.

6. Iqhayiya lenu alilihle! Anazi na ukuba igwele elincinane libilisa intlama iphela?

1 Kwabasekorinte 5