1. Mna ke, ndakuba ndizile kuni, bazalwana, andizanga ngabugcisa bakuthetha nabulumko, ndínazisa ubungqina bukaThixo.
2. Kuba ndagqiba kwelokuba ndingàzi nto phakathi kwenu, ingenguYesu Kristu, nàye ke ebethelelwe emnqamlezweni.
3. Mna kuni ndafika ndaba ngothambileyo, onokoyika, onokugubha okukhulu.
4. Nokuthetha kwam, nokuvakalisa kwam uKristu kube kungengamazwi oyisa ngabulumko babantu; bekungokuqondakalisa koMoya nokwamandla,