1 Kwabasekorinte 16:6-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ke kuni mhlawumbi ndingáthi ndihlale ndidlulise nobusika, ukuze nina nindiphelekelele apho ndisukuba ndisiya khona.

7. Kuba andithandi ukuba ndinibone ngoku ndidlulayo; kodwa ndithemba ukuba ndokha ndihlale kuni ixesha elithile, ukuba iNkosi ithe yavuma.

8. Ndiya kuhlala ke e-Efese kude kubekho ipentekoste;*

9. kuba ndivulelwe umnyango omkhulu onamandla, bebaninzi nabachasi.

10. Ke kaloku, ukuba uTimoti uthe wafika, ize nikhangele ukuba angabi nakoyika phakathi kwenu; kuba uyawusebenza umsebenzi weNkosi, kwanjengam.

11. Ize kungabikho bani ngoko umenza into engento. Mphelekeleleni ke nixolile, ukuze eze kum; kuba ndimlindile kunye nabazalwana.

12. Ke kaloku, ngaye uApolo umzalwana, ndamvuselela kakhulu, ukuba eze kuni kunye nabazalwana. Kuye akubangakho kanye ukuthanda ukuza okwakalokunje; woza ke, xa athe wanethuba elilungileyo.

13. Phaphani, yimani elukholweni; yibani ngamadoda; yomelelani.

14. Zonke izinto zenu mazenziwe ninothando.

15. Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana (niyayazi indlu kaStefana, ukuba iyintlahlela yelaseAkaya, nokuba bazimisele ukulungiselela abangcwele),

16. ukuze nani nibalulamele abanjalo, nabo bonke abasebenzisana nathi emsebenzini, nababulalekayo.

17. Ndiyavuya ke ngokufika kukaStefana noFortunato noAkayiko; ngokuba bakwenzelelele bona ukungabikho kwenu;

18. kuba bawuphumzile umoya wam nowenu. Bazini kakuhle ngoko abanjalo.

19. Ayanibulisa amabandla kaThixo akwelaseAsiya. Bayanibulisa kunene eNkosini uAkwila noPrisila, kunye nebandla elisendlwini yabo.

20. Bayanibulisa abazalwana bonke. Bulisanani ngolwango olungcwele.

21. Umbuliso ungesam isandla, mna Pawulos.

22. Ukuba ubani akayithandi iNkosi uYesu Kristu, makasingelwe phantsi.

1 Kwabasekorinte 16