1 Kwabasekorinte 16:11-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Ize kungabikho bani ngoko umenza into engento. Mphelekeleleni ke nixolile, ukuze eze kum; kuba ndimlindile kunye nabazalwana.

12. Ke kaloku, ngaye uApolo umzalwana, ndamvuselela kakhulu, ukuba eze kuni kunye nabazalwana. Kuye akubangakho kanye ukuthanda ukuza okwakalokunje; woza ke, xa athe wanethuba elilungileyo.

13. Phaphani, yimani elukholweni; yibani ngamadoda; yomelelani.

14. Zonke izinto zenu mazenziwe ninothando.

15. Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana (niyayazi indlu kaStefana, ukuba iyintlahlela yelaseAkaya, nokuba bazimisele ukulungiselela abangcwele),

16. ukuze nani nibalulamele abanjalo, nabo bonke abasebenzisana nathi emsebenzini, nababulalekayo.

17. Ndiyavuya ke ngokufika kukaStefana noFortunato noAkayiko; ngokuba bakwenzelelele bona ukungabikho kwenu;

18. kuba bawuphumzile umoya wam nowenu. Bazini kakuhle ngoko abanjalo.

19. Ayanibulisa amabandla kaThixo akwelaseAsiya. Bayanibulisa kunene eNkosini uAkwila noPrisila, kunye nebandla elisendlwini yabo.

1 Kwabasekorinte 16