1 Kwabasekorinte 15:10-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ke ngobabalo lukaThixo ndiyinto endiyiyo, nobabalo lwakhe kum alubanga nakulambatha; ndesuka ndabagqitha bonke ngokubulaleka; ingendim ke, ilubabalo lukaThixo olunam.

11. Ke ngoko, nokuba ndim, nokuba ngabo, sènjenjalo thina ukushumayela; nènjenjalo ke nina ukukholwa.

12. Ke, ukuba uKristu uyashunyayelwa ukuba uvukile kwabafileyo, batsho ngani na abathile phakathi kwenu ukuthi, akukho luvuko lwabafileyo?

13. Ke, ukuba akukho luvuko lwabafileyo, woba akavukanga noKristu;

14. ukuba ke uKristu akavukanga, koba akunto ukushumayela kwethu, loba luyalambatha nokholo lwenu.

15. Sofunyanwa ke singawo namangqina amxokayo uThixo, ngokuba sangqinayo ngoThixo ukuba wamvusa uKristu: angàmvusanga, ukuba ke kanti abafileyo abavuki.

16. Kuba, ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga.

17. Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu, noba nisesezonweni zenu;

18. ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele.

19. Ukuba singabathembele kuKristu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana kubantu bonke.

20. UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa.

21. Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo.

22. Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke:

23. elowo ke kolwakhe uluhlu; intlahlela inguKristu, kamva abakaKristu ekufikeni kwakhe;

24. kwandule ke ukubakho isiphelo, xa athe wabunikela ubukumkani kuye uThixo uYise, xa athe wabubhangisa bonke ubulawuli, nalo lonke igunya, namandla.

25. Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba.

1 Kwabasekorinte 15