10. Nokuba zingaba sezingakanani na ukuba zininzi kwazo iintlobo zeentetho ehlabathini, akukho nalunye kuzo olungenanto luthetha yona.
11. Ukuba ngoko andithanga ndiyazi intsingiselo yentetho, ndoba ngumbharbhari* kothethayo, nothethayo woba ngumbharbhari kum.
12. Ngokunjalo nani, ekubeni kaloku nizondelela izipho ezizezoMoya, zifuneleni ukuba nibe nazo ngokugqithiseleyo, ukuze lakheke ibandla.
13. Ngenxa yoko ndithi, othethayo ngalwimi zimbi, makathandazele ukuba icace intetho yakhe.
14. Kuba xa ndithandaza ngalulwimi lumbi, umoya wam uyathandaza okunene wona, ke yona ingqiqo yam ayinasiqhamo.