7. Luthwala iinto zonke; lukholwa ziinto zonke; luthemba iinto zonke; lunyamezela iinto zonke.
8. Uthando aluze lutshitshe; nokuba ke ziziprofeto, ziya kubhangiswa; nokuba ziilwimi, ziya kupheza; nokuba kukwazi, kuya kuphuthiswa.
9. Kuba siyazi ngokuyinxenye, siprofeta ngokuyinxenye.
10. Xa kuthe ke kwafika okuzalisekileyo, kuya kwandula ukuphuthiswa okuyinxenye.
11. Oko bendingumntwana, bendithetha ngokomntwana, bendiqonda ngokomntwana, bendicamanga ngokomntwana; ndithe ke, ndakuba yindoda, ndazibhangisa izinto zobuntwana.
12. Kuba ngoku sikhangela esipilini ngokwamanakanibe; oko ke, siya kukhangelana ebusweni. Ngoku ndazi ngokuyinxenye; oko ke ndiya kwazi kakuhle, njengoko ndaziwayo nokwaziwa nam.
13. Kungoku ke kuhleli ukholo, ithemba, uthando, ezo zinto zontathu; eyona inkulu ke kuzo apho luthando.