1 Kwabasekorinte 1:26-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Kuba luboneni ubizo lwenu, bazalwana, ukuba azizininzi izilumko ngokwenyama, àbabaninzi abanamandla, akamaninzi amanene.

27. UThixo usuke wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi, ukuze azidanise izilumko; nezinto ezingenamandla zehlabathi usuke uThixo wazinyula, ukuze azidanise izinto ezomeleleyo;

28. nezinto zehlabathi ezingenabuntu, nezingento yanto, wazinyula uThixo, nezingáthi azikho, ukuze aziphuthise izinto ezikhoyo;

29. ukuze kungaqhayisi namnye umntu emehlweni akhe.

30. Ke niphuma kuye, nina bakuKristu Yesu, owathi ngenxa yethu waba bubulumko obuvela kuThixo, nobulungisa kwanobungcwalisa nentlawulelo;

31. ukuze, njengoko kubhaliweyo, Oqhayisayo aqhayise ngeNkosi.

1 Kwabasekorinte 1