15. Kuba inxenye iseyiphambukele emva koSathana.
16. Ukuba kukho ikholwa, nokuba likholwakazi, elinabahlolokazi, malibasize, lize ibandla lingasindwa, ukuze lona lisize abangabahlolokazi ngenene.
17. Amadoda amakhulu, awongamela kakuhle, makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindwe kabini, ngokukodwa lawo abulalekayo elizwini nasemfundisweni.
18. Kuba sítsho isibhalo ukuthi, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula; nokuthi, Umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe.
19. Ukumangalelwa kwendoda enkulu musa ukukwamkela, kungabangakho mangqina mabini nokuba mathathu.
20. Abo bonayo, bohlwaye emehlweni abantu bonke, ukuze nabanye aba babe nokoyika.