1. Zintanda, musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphumé bangena ehlabathini.
2. Mazini ngale nto uMoya kaThixo: umoya wonke omvumayo uYesu Kristu ezé esenyameni, ungokaThixo;
3. nomoya wonke ongamvumiyo uYesu Kristu ezé esenyameni, asingokaThixo; lo ngokamchasi-Kristu, lowo niwuvileyo ukuba uyeza; nangoku uselukho ehlabathini.