7. Bazalwana, andinibhaleli mthetho mtsha; ngumthetho omdala, ebeninawo kwasekuqalekeni. Umthetho omdala ke lilizwi enalivayo kwasekuqalekeni.
8. Ndibuya ndinibhalele umthetho omtsha, okuyinene oko kuye nakuni; ngokuba ubumnyama buyadlula, kwaye ukukhanya okuyinyaniso sekubonakala.
9. Lowo uthi usekukhanyeni, abe emthiyile umzalwana wakhe, usebumnyameni unangoku.
10. Lowo umthandayo umzalwana wakhe uhleli ekukhanyeni, akanasikhubekiso.