1 Izikronike 9:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Koonyana bakaZera nguYehuweli nabazalwana bakhe: amakhulu amathandathu anamanci asithoba.

7. Koonyana bakaBhenjamin: nguSalu unyana kaMeshulam, unyana kaHodafiya, unyana kaHasenuwa,

8. noIbheneya unyana kaYeroham, noEla unyana kaUzi, unyana kaMikri, noMeshulam unyana kaShefatiya, unyana kaRehuweli, unyana kaIbheniya;

9. nabazalwana babo ngokweenzala zabo: amakhulu asithoba anamanci mahlanu anabathandathu. Onke loo madoda abeziintloko zezindlu zooyise ezindlwini zooyise.

10. Kubabingeleli: nguYedaya, noYehoyaribhi,

11. noYakin, noAzariya, unyana kaHilekiya, unyana kaMeshulam, unyana kaTsadoki, unyana kaMerayoti, unyana ka-Ahitubhi, ingànga yendlu kaThixo;

12. noAdaya, unyana kaYeroham, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya; noMahasayi unyana ka-Adiyeli, unyana kaYazera, unyana kaMeshulam, unyana kaMeshilemiti, unyana kaImere;

13. nabazalwana babo, iintloko zezindlu zooyise, iwaka elinamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu amagorha anobukroti ekuwusebenzeni umsebenzi wendlu kaThixo.

14. KubaLevi: nguShemaya, unyana kaHashubhi, unyana ka-Azerikam, unyana kaHashabhiya koonyana bakaMerari;

15. nguBhakebhakare, noHereshe, noGalali; noMataniya unyana kaMika, unyana kaZikri, unyana ka-Asafu;

16. no-Obhadiya, unyana kaShemaya, unyana kaGalali, unyana kaYedutun; noBherekiya unyana ka-Asa, unyana kaElikana, obehleli emizaneni yamaNetofa.

1 Izikronike 9