9. wazala ngoHodeshe umkakhe: uYobhabhi, noTsibheya, noMesha, noMalekom,
10. noYehutse, noShakiya, noMirma. Ngabo abo oonyana bakhe, iintloko zezindlu zooyise.
11. NgoHushim wazala uAbhitubhi noEliphahali.
12. Oonyana bakaElipahali: nguEbhere, noMisham, noShemere, owayakhayo iOno, neLodi namagxamesi ayo.
13. NgooBheriya noShema abaziintloko zezindlu zooyise kubemi baseAyalon, abagxotha abemi baseGati.
14. OoAhiyo, noShashaki, noYeremoti,
15. noZebhadiya, noAradi, noEdere,
16. noMikayeli, noIshpa, noYoha babengoonyana bakaBheriya.