1 Izikronike 8:30-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. NguAbhedon unyana wakhe wamazibulo, noTsure, noKishe, noBhahali, noNadabhi,

31. noGedore, noAhiyo, noZekere.

32. UMikeloti wazala uShimeha. Nabo bahlala eYerusalem nabazalwana babo, malungana nabazalwana babo.

33. UNere wazala uKishe; uKishe wazala uSawule; uSawule wazala uYonatan, noMalekishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhahali.

34. Unyana kaYonatan nguMeribhi-bhahali; uMeribhi-bhahali wazala uMika.

35. Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi.

36. UAhazi wazala uYehowada; uYehowada wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri;

1 Izikronike 8