1 Izikronike 6:59-76 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

59. neAshan namadlelo ayo, neBhete-shemeshe namadlelo ayo.

60. Esizweni sakwaBhenjamin: iGebha namadlelo ayo, neAlemete namadlelo ayo, neAnatoti namadlelo ayo. Yonke imizi yabo ngokwemizalwane yabo yabe iyimizi elishumi elinamithathu.

61. Oonyana bakaKehati abaseleyo banikwa emzalwaneni wesizwe sakwaEfrayim, nasesizweni sakwaDan, nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase, ngeqashiso imizi elishumi.

62. Oonyana bakaGershom ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaIsakare, nasesizweni sakwa-Ashere, nasesizweni sakwaNafetali, nasesizweni sakwaManase eBhashan, imizi yalishumi elinamithathu.

63. Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo banikwa esizweni sakwaRubhen, nasesizweni sakwaGadi, nasesizweni sakwaZebhulon, ngeqashiso imizi elishumi elinamibini.

64. Oonyana bakaSirayeli babanika abaLevi imizi namadlelo ayo.

65. Babanika ngeqashiso esizweni soonyana bakaYuda, nasesizweni soonyana bakaSimon, nasesizweni soonyana bakaBhenjamin, yona le mizi ibiziweyo ngamagama ayo.

66. Ke emizalwaneni yoonyana bakaKehati kwabakho imizi yemida yabo esizweni sakwaEfrayim.

67. Babanika imizi yokusabela: owakwaShekem namadlelo awo ezintabeni zakwaEfrayim, neGezere namadlelo ayo,

68. neYokemeham namadlelo ayo, neBhete-horon namadlelo ayo;

69. neAyalon namadlelo ayo, neGati-rimon namadlelo ayo;

70. nasesiqingatheni sesizwe sakwaManase: iAnere namadlelo ayo, neBhileham namadlelo ayo, ngokomzalwane woonyana bakaKehati abaseleyo.

71. Oonyana bakaGershom banikwa emzalwaneni wesiqingatha sesizwe sakwaManase: iGolan yaseBhashan namadlelo ayo, neAshtaroti namadlelo ayo;

72. nasesizweni sakwaIsakare: iKedeshe namadlelo ayo, neDabherati namadlelo ayo,

73. neRamoti namadlelo ayo, neAnem namadlelo ayo;

74. nasesizweni sakwa-Ashere: iMashale namadlelo ayo, neAbhedon namadlelo ayo,

75. neHukoki namadlelo ayo, neRehobhi namadlelo ayo;

76. nasesizweni sakwaNafetali: iKedeshe yaseGalili namadlelo ayo, neHamon namadlelo ayo, neKiriyatayim namadlelo ayo.

1 Izikronike 6