15. Oonyana bakaMoses nguGershom noEliyezere.
16. Koonyana bakaGershom nguShebhuweli inkulu.
17. Koonyana bakaEliyezere nguRehabheya inkulu. UEliyezere akabanga nanyana bambi; ke oonyana bakaRehabheya bebebaninzi, bagqithisela.
18. Koonyana bakaItsare nguShelomiti inkulu.
19. Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesiné.
20. Koonyana bakaUziyeli nguMika inkulu, noIshiya owesibini.
21. Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe.
22. Wafa uElazare engenanyana, eneentombi zodwa; zazekwa ngoonyana bakaKishe, abazalwana bazo.