14. Uyabona, ngemigudu yam indlu kaYehova ndiyilungisele ikhulu lamawaka eetalente zegolide,* nesigidi esinye seetalente zesilivere,* nobhedu nesinyithi, into engenakulinganiselwa ukuba ninzi kwayo; ndilungisé nemithi namatye; nawe ungóngeza kwezo zinto.
15. Unabo bebaninzi abasebenzi bomsebenzi, abaxholi neengcibi zamatye nezemithi, nabalumkileyo emisebenzini yonke.
16. Igolide, nesilivere, nobhedu, nesinyithi, yinto engenakubalwa. Suk' ume, wenze, uYehova abe nawe.
17. UDavide wabawisela umthetho bonke abathetheli bakwaSirayeli, ukuba bamncede uSolomon unyana wakhe, wathi,
18. Àkanáni yini na uYehova uThixo wenu, waniphumza ngeenxa zonke? Ngokuba wabanikela esandleni sam abemi belizwe eli; loyiswa ilizwe eli phambi koYehova, naphambi kwabantu bakhe.
19. Ke ngoko zinikeleni iintliziyo zenu nemiphefumlo yenu ekumquqeleni uYehova uThixo wenu; sukani nime, niyakhe ingcwele kaYehova uThixo, ningenise ityeya yomnqophiso kaYehova, neempahla ezingcwele zikaThixo, endlwini leyo iya kwakhelwa igama likaYehova.