1 Izikronike 21:3-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Wathi uYowabhi, UYehova makalongezelele inani labantu bakhe izihlandlo ezilikhulu, kunoko bangako; kodwa, nkosi yam, kumkani, àbangabakhonzi benkosi yam bonke, yini na? Iyifunelani na le nto inkosi yam? Yini na ukuba iwazekise ityala amaSirayeli?

4. Laqinisela ilizwi lokumkani kuYowabhi. Waphuma ke uYowabhi, wahambahamba kumaSirayeli onke, weza eYerusalem.

5. UYowabhi wamnika ke uDavide inani lokubalwa kwabantu. AmaSirayeli onke aba sisigidi esinye esinamawaka alikhulu samadoda aphatha ikrele; namaYuda angamakhulu amané anamanci asixhenxe amawaka amadoda aphatha ikrele.

1 Izikronike 21