1 Izikronike 21:22-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Wathi uDavide kuOrnan, Ndinike le ndawo yesandá, ndimakhele uYehova khona isibingelo; wòndinika ngenani elizeleyo, sithintelwe isibetho ebantwini.

23. Wathi uOrnan kuDavide, Yithabathele kuwe, inkosi yam ukumkani yenzè okulungileyo emehlweni ayo; khangela, ndikunika iinkomo ezi ukuba zibe ngamadini anyukayo, nempahla yokubhula ibe ziinkuni, nengqolowa ukuba ibe ngumnikelo wokudla; ndikunika konke oko.

24. Wathi ukumkani uDavide kuOrnan, Hayi; ndiya kusithenga ngexabiso elizalisekileyo; ngokuba andiyi kumthabathela nto iyeyakho uYehova, ndinyuse amadini anyukayo endiwazuzé ngelizé.

25. UDavide wamnika uOrnan ngaloo ndawo iishekele* zegolide ezibunzima bumakhulu mathandathu.

26. Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wanqula uYehova; waza yena wamphendula ngomlilo ovela ezulwini, phezu kwesibingelelo sedini elinyukayo.

1 Izikronike 21