1 Izikronike 21:10-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Yiya uthethe kuDavide, uthi, Útsho uYehova ukuthi, Ndikubekela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe.

11. Waya ke uGadi kuDavide, wathi kuye, Útsho uYehova ukuthi, Zityumbele;

12. nokuba yiminyaka emithathu yendlala; nokuba ziinyanga ezintathu ugxothwa ziintshaba zakho, nekrele leentshaba zakho likufikela; nokuba yimihla emithathu yekrele likaYehova, nendyikitya yokufa ezweni, isithunywa sikaYehova sisonakalisa emimandleni yonke yakwaSirayeli. Kaloku ke, yenza ilizwi endolibuyisela kondithumileyo.

13. Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene; masendisíwa esandleni sikaYehova, ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu.

14. UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli; kwawa amashumi asixhenxe amawaka amadoda kwaSirayeli.

15. UThixo wathuma isithunywa eYerusalem, ukuba siyitshabalalise. Sakubona ukuba siyatshabalalisa, wabona uYehova, wazohlwaya ngenxa yobubi obo; wathi kwisithunywa eso sitshabalalisayo, Kwanele, sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova sema esandéni sikaOrnan umYebhusi.

16. UDavide wawaphakamisa amehlo akhe, wabona isithunywa sikaYehova simi phakathi komhlaba nezulu, sithe rhuthu ikrele laso ngesandla, lolulelwe phezu kweYerusalem. UDavide namadoda amakhulu, bezigubungele ngeengubo ezirhwexayo, bawa phantsi ngobuso.

17. Wathi uDavide kuThixo, Asindim yini na othe mababalwe abantu? Yaba ndim ke owonileyo, ndenza ububi ukwenza oko; ke ezi zimvu zenzé ntoni na zona? Yehova Thixo wam, isandla sakho masifikele mna, nendlu kabawo, singàbi kubantu bakho, ukuba babulawe.

18. Sathi isithunywa sikaYehova kuGadi, Makatsho kuDavide, enyuke uDavide, amisele uYehova isibingelelo esandéni sikaOrnan umYebhusi.

19. Wenyuka uDavide ngelizwi likaGadi, awalithethayo egameni likaYehova.

20. Wathi guququ uOrnan, wasibona isithunywa; oonyana bakhe abané ababenaye bazimela; ke uOrnan wayebhula ingqolowa.

21. Xa uDavide wayesiza kuOrnan, uOrnan wabheka wabona uDavide, waphuma esandéni, waqubuda kuDavide, ebhekise ubuso bakhe emhlabeni.

22. Wathi uDavide kuOrnan, Ndinike le ndawo yesandá, ndimakhele uYehova khona isibingelo; wòndinika ngenani elizeleyo, sithintelwe isibetho ebantwini.

23. Wathi uOrnan kuDavide, Yithabathele kuwe, inkosi yam ukumkani yenzè okulungileyo emehlweni ayo; khangela, ndikunika iinkomo ezi ukuba zibe ngamadini anyukayo, nempahla yokubhula ibe ziinkuni, nengqolowa ukuba ibe ngumnikelo wokudla; ndikunika konke oko.

24. Wathi ukumkani uDavide kuOrnan, Hayi; ndiya kusithenga ngexabiso elizalisekileyo; ngokuba andiyi kumthabathela nto iyeyakho uYehova, ndinyuse amadini anyukayo endiwazuzé ngelizé.

25. UDavide wamnika uOrnan ngaloo ndawo iishekele* zegolide ezibunzima bumakhulu mathandathu.

26. Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wanqula uYehova; waza yena wamphendula ngomlilo ovela ezulwini, phezu kwesibingelelo sedini elinyukayo.

27. Wathetha uYehova kwisithunywa, salibuyisela esingxobeni ikrele laso.

28. Ngelo xesha, akubona uDavide ukuba uYehova umphendule esandéni sikaOrnan umYebhusi, wamana ebingelela khona.

1 Izikronike 21