1 Izikronike 19:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Bahamba, bamxelela uDavide okwenziwe kuloo madoda. Wathumela bawakhawulela; ngokuba amadoda lawo ayehlazisiwe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya ke.

6. Babona oonyana baka-Amon, ukuba bazinukisile kuDavide, bathumela ke ooHanun noonyana baka-Amon kwa-Aram* ephakathi kweMilambo,* nakwa-Aram-mahaka, naseTsobha, iwaka leetalente* zesilivere, ukuba baqeshe iinqwelo zokulwa nabamahahe.

7. Baziqeshela amashumi amathathu anamabini amawaka eenqwelo zokulwa, nokumkani waseMahaka, nabantu bakhe; beza ke bamisa iintente phambi kweMedebha. Oonyana baka-Amon bahlanganisana, bephuma emizini yabo, beza kulwa.

8. Weva uDavide, wathuma uYowabhi, enomkhosi wonke wamagorha.

9. Baphuma oonyana baka-Amon, bakha izintlu zokulwa ekungeneni komzi, ookumkani ababezile bebodwa endle.

10. Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ibheké kuye, ngaphambili nangasemva; wanyula emadodeni onke ahleliweyo kwaSirayeli, wakha uluhlu malunga nama-Aram.

1 Izikronike 19