1 Izikronike 17:3-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Kwathi ngobo busuku lafika ilizwi likaThixo kuNatan, lisithi,

4. Hamba uye kuthi kuDavide umkhonzi wam, Útsho uYehova ukuthi, Wena akusayi kundakhela ndlu yakuhlala.

5. Ngokuba andihlalanga ndlwini, kususela kulaa mini ndawanyusayo ngayo amaSirayeli, unanamhla; ke ndisuka ententeni ndiye ententeni, ndisuke emnqubeni ndiye emnqubeni.

1 Izikronike 17