1 Izikronike 14:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathuma abathunywa kuDavide, nemisedare,* neengcibi zeendonga, neengcibi zemithi, ukumakhela indlu.

2. Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile waba ngukumkani wamaSirayeli; baphakanyiselwa phezulu ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.

3. UDavide wabuya wazeka abanye abafazi eYerusalem; uDavide wabuya wazala abanye oonyana neentombi.

4. Ngawo la amagama abantwana awabazuzayo eYerusalem: uShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon,

5. noIbhehare, noElishuwa, noElipelete,

6. noNoga, noNefege, noYafiya,

7. noElishama, noBheleyada, noElifelete.

8. Athi ke amaFilisti, akuva ukuba uthanjiswe uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli onke, enyuka onke amaFilisti, aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, waphuma waya kuwahlangabeza.

9. AmaFilisti eza athi dwe entilini yamaRafa.

1 Izikronike 14