1 Izikronike 12:19-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. KumaManase kwabakho abaphambela kuDavide, ekuyeni kwakhe namaFilisti ukuba kuliwe noSawule, baza àbawanceda; ngokuba zacebisana zamndulula izikhulu zamaFilisti, zisithi, Wóphambela kuSawule inkosi yakhe, senzakale ke.

20. Ekuyeni kwakhe eTsikelage, wathelelwa ngabakwaManase, uAdena, noYozabhadi, noYedihayeli, noMikayeli, noYozabhadi, noElihu, noTsiletayi, iintloko zamawaka akwaManase.

21. Bona bancedisana noDavide kuloo matutu; ngokuba babengamagorha anobukroti bonke, babengabathetheli emkhosini.

22. Ngokuba ngelo xesha babesiya iimini ngeemini kuDavide ukumnceda, yada yangumkhosi omkhulu, njengomkhosi kaThixo.

23. Ngawo la amanani eentloko ezaxhobela imfazwe, zeza kuDavide eHebron, ukuba buguqulelwe kuye ubukumkani bukaSawule, ngokomlomo kaYehova.

24. Oonyana bakaYuda ababephethe amakhaka nezikhali ngamawaka amathandathu anamakhulu asibhozo, exhobele imfazwe.

25. Koonyana bakaSimon, amagorha angamakroti emfazweni ngamawaka asixhenxe anekhulu.

26. Koonyana bakaLevi ngamawaka amané, anamakhulu mathandathu.

27. Ke uYehoyada waye eyingànga yama-Aron; wayenamawaka amathathu anamakhulu asixhenxe.

28. UTsadoki, indodana eligorha elinobukroti, nendlu kayise, ngabathetheli abamashumi mabini anababini.

29. Koonyana bakaBhenjamin, abazalwana bakaSawule, ngamawaka amathathu; kwada kwaba ngoku uninzi Iwabo lugcina isigxina sendlu kaSawule.

1 Izikronike 12