Uyoshuwa 3:2-9 Ibhayibhile (XHO96)

2. Emva kweentsuku ezintathu iinduna zajikeleza esikhululweni,

3. ziyalela abantu zisithi: “Xa nibona ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo uThixo wenu kunye nababingeleli abangabaLevi abayithweleyo, ze niphakame, niphume, nilandele.

4. Kaloku niza kuhamba ngendlela eningazange niyihambe ngaphambili; kuya kufuneka ke nilandele ababingeleli. Kodwa kufuneka ningasondeli kwityesi yomnqophiso. Ze kubekho umgama omalunga nekhilomitha enye phakathi kwayo nani.”

5. UYoshuwa ke wathi ebantwini: “Zihlambululeni, kuba ngomso uNdikhoyo uza kwenza imimangaliso phakathi kwenu.”

6. Waza wabhekisa kubabingeleli wathi: “Thwalani ityesi yomnqophiso niwele, baze abantu balandele.” Benjenjalo ke ababingeleli.

7. Wathi uNdikhoyo kuYoshuwa: “Into endiza kuyenza namhlanje iya kukwenza utsho uhlonipheke kumaSirayeli, aqonde ukuba ndinawe nanjengoMosis.

8. Yithi kubabingeleli abathwele ityesi yomnqophiso ze bathi bakufika emlanjeni iJordan, bangene beme enyeleni.”

9. UYoshuwa wabiza amaSirayeli wathi: “Sondelani nize kuva amazwi athethwe nguNdikhoyo uThixo wenu.

Uyoshuwa 3