Uyohane 4:51-54 Ibhayibhile (XHO96)

51. Kwathi isesendleleni yahlangatyezwa zizicaka zayo, zathi: “Unyana wakho uphilile!”

52. Yabuza ke ukuba uqale nini na ukuchacha, zaza zathi: “Uchache izolo ngentsimbi yokuqala emva kwemini kuloo mkhuhlane.”

53. Wakhumbula ke uyise ukuba kwakungêlo xesha kanye uYesu awatsho ngalo kuye ukuthi: “Unyana wakho uphilile.” Lakholwa ke igosa lakomkhulu, yakholwa nendlu yalo yonke.

54. Lo mqondiso wawenzayo uYesu wawungowesibini emva kokufika kwakhe eGalili evela kwelakwaJuda.

Uyohane 4