4. Kwakufuneka acande kwelamaSamariya.
5. Wafika kwidolophu yaseSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nendawo awathi uYakobi wayinika uJosefu unyana wakhe.
6. Lalilapho iqula likaYakobi, waza wathi uYesu, ediniwe luhambo, wahlala phantsi ngasequleni apho. Kwakusemini emaqanda.
7. Kwafika umSamariyakazi, eze kukha amanzi, uYesu wathi kuye: “Khawundiphe amanzi, ndisele.”
8. Abafundi bakhe babengekho, beye kuthenga ukutya edolophini.
9. Waphendula ke umSamariyakazi wathi kuye: “Ungathini na wena ungumJuda nje, ukuwacela kum amanzi, ndingumSamariya nje mna?” Kaloku amaJuda akanabudlelane namaSamariya.
10. Waphendula uYesu wathi kuye: “Ukuba ubusazi isipho uThixo afuna ukukupha sona, ùmazi ukuba ngubani na lo ucela amanzi kuwe, ngewucele kuye wena, aze yena akuphe amanzi aphilileyo.”