36. Umvuni seleza kwamkela umvuzo wakhe, evuna isivuno esingabantu abamkela ubomi obungonaphakade. Ngako oko ohlwayelayo uvuya kunye nalowo uvunayo.
37. Kungoko liyinyaniso iqhalo elithi: ‘Kuhlwayela lo, kuvune lowa.’
38. Ndinithume ukuvuna oko ningabulalekanga kuko. Kwabulaleka abanye, naza nina natya kwimveliso yabo.”
39. Into eninzi yamaSamariya aloo dolophu yakholwa kuYesu, yakuva intetho yaloo mfazi ethi: “Undixelele zonke izinto endakha ndazenza.”
40. Athe ke amaSamariya akufika kuYesu, ambongoza ukuba ahlale nawo; waza wahlala khona apho iintsuku zambini.
41. Baba baninzi ngakumbi abo bâkholwáyo ngenxa yamazwi kaYesu,
42. baza bathi kumfazi lowo: “Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho. Thina sikholwa kuba sizivele ngokwethu, saqonda ukuba ngenene lo nguye uMsindisi wehlabathi.”
43. Emva kweentsuku ezimbini uYesu wemka apho, waya eGalili.
44. UYesu ngokwakhe wayetshilo ukuthi *umshumayeli akenzelwa mbeko kowabo,
45. kodwa akufika eGalili abantu balapho bamamkela. Babezibonile zonke izinto awazenzáyo kwitheko *lePasika eJerusalem, kuba nabo babeyile kweso sidlo.
46. Waphinda uYesu wahambela eKana kwelaseGalili, apho wawaguqulayo amanzi aba yiwayini. Kwakukho igosa elithile lakomkhulu apho elaligulelwa ngunyana walo eKapernahum.