Uyohane 4:36-46 Ibhayibhile (XHO96)

36. Umvuni seleza kwamkela umvuzo wakhe, evuna isivuno esingabantu abamkela ubomi obungonaphakade. Ngako oko ohlwayelayo uvuya kunye nalowo uvunayo.

37. Kungoko liyinyaniso iqhalo elithi: ‘Kuhlwayela lo, kuvune lowa.’

38. Ndinithume ukuvuna oko ningabulalekanga kuko. Kwabulaleka abanye, naza nina natya kwimveliso yabo.”

39. Into eninzi yamaSamariya aloo dolophu yakholwa kuYesu, yakuva intetho yaloo mfazi ethi: “Undixelele zonke izinto endakha ndazenza.”

40. Athe ke amaSamariya akufika kuYesu, ambongoza ukuba ahlale nawo; waza wahlala khona apho iintsuku zambini.

41. Baba baninzi ngakumbi abo bâkholwáyo ngenxa yamazwi kaYesu,

42. baza bathi kumfazi lowo: “Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho. Thina sikholwa kuba sizivele ngokwethu, saqonda ukuba ngenene lo nguye uMsindisi wehlabathi.”

43. Emva kweentsuku ezimbini uYesu wemka apho, waya eGalili.

44. UYesu ngokwakhe wayetshilo ukuthi *umshumayeli akenzelwa mbeko kowabo,

45. kodwa akufika eGalili abantu balapho bamamkela. Babezibonile zonke izinto awazenzáyo kwitheko *lePasika eJerusalem, kuba nabo babeyile kweso sidlo.

46. Waphinda uYesu wahambela eKana kwelaseGalili, apho wawaguqulayo amanzi aba yiwayini. Kwakukho igosa elithile lakomkhulu apho elaligulelwa ngunyana walo eKapernahum.

Uyohane 4