Uyohane 4:16-22 Ibhayibhile (XHO96)

16. Wathi kuye: “Hamba uye kubiza indoda yakho, nize apha.”

17. Waphendula umfazi wathi: “Andinandoda.”UYesu wathi kuye: “Ùnyanisile ukuthi akunandoda,

18. kuba ubunamadoda amahlanu, nale unayo ngoku asiyoyakho.”

19. Umfazi lowo ke wathi kuye: “Nkosi, ndiyabona okokuba wena *ungumshumayeli.

20. Ookhokho bethu, thina maSamariya, babenqula uThixo kule ntaba. Ke nina maJuda nithi iseJerusalem indawo apho abantu bamelwe kukumnqula khona uThixo.”

21. UYesu wathi kuye: “Ndiyakuxelela, liyeza ixesha ekothi ngalo ningabi samnqula uBawo kule ntaba okanye eJerusalem.

22. Nina maSamariya ninqula eningakwaziyo. Thina maJuda sinqula esikwaziyo, kuba kakade kukwaJuda apho usindiso luphuma khona.

Uyohane 4