19. Imbangi yesi sigwebo nantsi: Ukukhanya kufikile ehlabathini, baza abantu bathanda ubumnyama ngaphezu kokukhanya, kuba izenzo zabo zikhohlakele.
20. Kakade wonke umenzi wenkohlakalo ukuthiyile ukukhanya. Akasondeli nokusondela ekukhanyeni, hleze izenzo zakhe zivele.
21. Ke lowo ungowenyaniso uyeza ekukhanyeni, ukuze abonakale ngezenzo zakhe ukuba umthobele uThixo.”
22. Emva koko uYesu nabafundi bakhe baya kummandla wakwaJuda; waza uYesu waba nexesha ekunye nabo apho, ebhaptiza.
23. UYohane naye wayebhaptiza e-Enon, kufuphi neSalem, kuba amanzi ebemaninzi apho. Abantu babesiya kuye, ababhaptize.
24. Ngelo xesha wayengekafakwa entolongweni.
25. Abafundi bakaYohane bâphikisana nomJuda othile malunga nokuhlanjululwa.
26. Baya kuYohane ke, bathi kuye: “Mfundisi, laa mntu wayekunye nawe phesheya kweJordan, lowa umngqineleyo, úyabhaptiza, kwaye baya kuye bonke abantu.”
27. Waphendula uYohane wathi: “Lonke ilungelo analo umntu ulinikwa nguThixo.
28. Nani ngokwenu ningandingqinela okokuba ndathi: ‘Andinguye mna *uKrestu, koko ndingothunywe ngaphambi kwakhe.’
29. Kaloku umtshakazi ngowomyeni. Ke yena umkhaphi womyeni ulindela ukufika komyeni, aze avuye kunene akuliva izwi lakhe. Ngokukwanjalo luphelele ngoku uvuyo lwam.
30. Makabaluleke yena, ndinciphe mna.”