Uyohane 3:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwakukho inkokheli yamaJuda, egama linguNikodimo. Yona yayiyeyehlelo *labaFarasi.

2. Ngabusuku buthile lo Nikodimo weza kuYesu, wathi: “Mfundisi, siyazi ukuba ungumfundisi ovela kuThixo, kuba akukho bani unako ukuyenza le miqondiso uyenzayo wena, ukuba uThixo akanaye.”

3. UYesu waphendula wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, akukho namnye unokuxhamla ukulawulwa nguThixo, engathanga azalwe ngokutsha.”

4. UNikodimo wathi kuye: “Angáthini na ukuzalwa umntu oselemdala? Kaloku akangekhe aphindele esizalweni sikanina, aze azalwe kwakhona.”

5. Waphendula uYesu, wathi: “Ndithi kuwe, inene, ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nanguMoya kaThixo, akanakulawulwa nguThixo.

6. Okuzalwa yinyama negazi kuyinyama negazi; okuzalwa nguMoya kunguMoya.

7. Sukumangaliswa kukuba ndithe kuwe: ‘Nimelwe kukuzalwa ngokutsha.’

8. Umoya uphephezela apho uthanda khona, ùsive isandi sawo, kodwa ùbe ungawazi apho úvela khona nalapho úya khona. Bakwanjalo ke bonke abazelwe nguMoya kaThixo.”

Uyohane 3