Uyohane 2:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. Emva koko uYesu, nonina, nabantakwabo, nabafundi bakhe, baya eKapernahum, bahlala khona iintsukwana.

13. Yayiselisondele *iPasika yamaJuda, waza uYesu waya kuyo eJerusalem.

14. *Endlwini kaThixo wafika kukho abathengisi beenkomo, neegusha, namahobe; kukho nabatshintshi-mali behleli ezitafileni zabo.

15. Wenza isabhokhwe ngentambo, wabakhupha bonke endlwini kaThixo, ezikhupha nezo gusha nezo nkomo. Wayichitha imali yabatshintshi, wabhukuqa nezo tafile zabo.

16. Waza wathi kwabathengisa amahobe: “Zikhupheni apha ezi zinto. Indlu kaBawo sanukuyenza indawo yokuthengisela.”

17. Bakhumbula ke abafundi bakhe okokuba *iziBhalo zithi: “Ukuzondelela indlu yakho, Thixo, kundongamele.”

18. Zambuza ke iinkokheli zamaJuda zisithi: “Ùngenza mqondiso mni na wokusibonisa ukuba unalo igunya lokwenza ezi zinto?”

19. Waphendula uYesu wathi: “Yidilizeni le ndlu. Mna ndoyakha kwakhona ngeentsuku ezintathu.”

20. Aza athi amaJuda: “Ukwakhiwa kwale ndlu kwaba yiminyaka emashumi mane anesithandathu. Ngaba wena ungayivusa na ngeentsuku ezintathu?”

Uyohane 2