12. Emva koko uYesu, nonina, nabantakwabo, nabafundi bakhe, baya eKapernahum, bahlala khona iintsukwana.
13. Yayiselisondele *iPasika yamaJuda, waza uYesu waya kuyo eJerusalem.
14. *Endlwini kaThixo wafika kukho abathengisi beenkomo, neegusha, namahobe; kukho nabatshintshi-mali behleli ezitafileni zabo.
15. Wenza isabhokhwe ngentambo, wabakhupha bonke endlwini kaThixo, ezikhupha nezo gusha nezo nkomo. Wayichitha imali yabatshintshi, wabhukuqa nezo tafile zabo.
16. Waza wathi kwabathengisa amahobe: “Zikhupheni apha ezi zinto. Indlu kaBawo sanukuyenza indawo yokuthengisela.”
17. Bakhumbula ke abafundi bakhe okokuba *iziBhalo zithi: “Ukuzondelela indlu yakho, Thixo, kundongamele.”
18. Zambuza ke iinkokheli zamaJuda zisithi: “Ùngenza mqondiso mni na wokusibonisa ukuba unalo igunya lokwenza ezi zinto?”
19. Waphendula uYesu wathi: “Yidilizeni le ndlu. Mna ndoyakha kwakhona ngeentsuku ezintathu.”
20. Aza athi amaJuda: “Ukwakhiwa kwale ndlu kwaba yiminyaka emashumi mane anesithandathu. Ngaba wena ungayivusa na ngeentsuku ezintathu?”