10. Ngaba akukholwa na okokuba mna ndikuye uBawo, abe noBawo ekum? Endikuthethileyo kuni ke andikuthethi kuphuma kum. Oko ndikwenzayo kwenziwa nguBawo ohleli kum.
11. Kholwani kwendikuthethayo xa ndithi ndikuye uBawo, ekum noBawo. Ukuba anikholwa kuba ndisitsho, kholwani ngenxa yezinto endizenzayo.
12. Inene, okholwayo kum uya kuzenza izinto endizenzayo, ade enze nezinkulu kunezi, kuba ndiya kuBawo.
13. Ke ngoko nayiphi na into eniyicela kum ndiya kuyenza, ukuze uYise abonakalise amandla akhe ngoNyana.
14. Nantoni na eniyicela ngegama lam ndiya kuyenza.”
15. “Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam.
16. Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade.
17. Lo Mmeli nguMoya wenyaniso, lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, kuba lingenako ukumbona, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi, kuba uhleli nani, eya kuba ngaphakathi kuni.