Uyohane 12:40-49 Ibhayibhile (XHO96)

40. “UThixo ubamfamekisile, ubaqaqadekisile,hleze babone ngamehlo, baqonde ngengqondo:‘Baze babuyele kum,’ utsho uThixo,‘ndize ndibaphilise.’ ”

41. UIsaya watsho kuba wabubona ubungangamsha bukaYesu, waza wathetha ngaye.

42. Noko ke into eninzi yeenkokheli zamaJuda yakholwa kuYesu, kodwa ngenxa *yabaFarasi aba bantu abazange bathethe ngaloo nto, hleze basikwe *endlwini yesikhungo.

43. Babexabise kakhulu ukunconywa ngabantu ngaphezu kokunconywa nguThixo.

44. Watsho ngelivakalayo uYesu, wathi: “Lowo ukholwayo kum, akakholwa kum nje kodwa, koko ukholwa nakulowo undithumileyo.

45. Lowo undibonayo mna, ubona nalowo undithumileyo.

46. Mna ndilukhanyiso; ndize ehlabathini ukuze bonke abakholwayo kum bangahlali ebumnyameni.

47. Lowo uwevayo amazwi am, aze angawagcini, akagwetywa ndim. Andizanga kuligweba ihlabathi; ndize kulisindisa.

48. Ukho omgwebayo lowo ungandifuniyo, ongawamkeliyo amazwi am. Ilizwi endilithethileyo lilo eliya kumgweba ngomhla wokugqibela.

49. Kaloku mna andithethanga nto ivela kum; nguBawo ngokwakhe, yena ondithumileyo, ondiyalele okokuba mandithini, ndithethe ntoni na.

Uyohane 12