3. UNdikhoyo wathi kuSathana: “Usiqondile kodwa isicaka sam uYobi? Akakho onjengaye ehlabathini liphela. Yena ngumfo othembekileyo ongenabala, indoda emhlonelayo uThixo, eyicezelayo into embi. Nangoku usabambelele ekuthembekeni kwakhe, nangona wena undixhokonxele ekubeni ndimonakalisele ngaphandle kwesizathu.”
4. USathana ke wamphendula uNdikhoyo wathi: “Hayi kaloku, isikhumba ngesikhumba! Umntu angancama yonke into anayo ngenxa yobomi bakhe.
5. Nangoku ungathi ukhe wolula isandla sakho wamchukumisa enyameni nasemathanjeni akhe, angakushwabulela nawe lo.”
6. UNdikhoyo ke wathi kuSathana: “Kulungile ke, nanko ndimnikela esandleni sakho; nto nje uze ungabuchukumisi ubomi bakhe.”
7. USathana ke wemka apho phambi koNdikhoyo, wafika wabetha uYobi ngamathumba oyikekayo athi tshitshilili ukuqalela elunyaweni ukuya kutsho entloko.