Umsebenzi Wabathunywa 28:14-16 Ibhayibhile (XHO96)

14. Apho ke safumana amakholwa, aza asicela ukuba sichithe iveki apho kuwo. Emva koko ke saya kufika eRoma.

15. Amakholwa aseRoma eva ukuba siyeza, aza amanye asihlangabeza eApiyaforo, amanye ke adibana nathi eTritabherne. Akuwabona uPawulos, wambulela uThixo, waza wakhuthazeka.

16. Sakufika eRoma, wavunyelwa ukuba azihlalele endlwini yakhe uPawulos, kubekho ijoni elimgadileyo.

Umsebenzi Wabathunywa 28