Umsebenzi Wabathunywa 28:12-22 Ibhayibhile (XHO96)

12. Saya kufika edolophini yaseSirakuse, saza sahlala khona iintsuku ezintathu.

13. Ukusuka apho sahamba saya kufika edolophini yaseRegiyo. Ngengomso kwabhudla umoya wangasezantsi, saza emva kweentsuku ezimbini saya kufika kwidolophu yasePutoli.

14. Apho ke safumana amakholwa, aza asicela ukuba sichithe iveki apho kuwo. Emva koko ke saya kufika eRoma.

15. Amakholwa aseRoma eva ukuba siyeza, aza amanye asihlangabeza eApiyaforo, amanye ke adibana nathi eTritabherne. Akuwabona uPawulos, wambulela uThixo, waza wakhuthazeka.

16. Sakufika eRoma, wavunyelwa ukuba azihlalele endlwini yakhe uPawulos, kubekho ijoni elimgadileyo.

17. Emva kweentsuku ezintathu, uPawulos wawabizela entlanganisweni amaJuda aziintloko alapho. Akuba ehlanganisene, wathi: “Mawethu, nakuba ndingabonanga nganto nje abantu bakowethu, ndingawatyeshelanga namasiko ookhokho, ndabanjwa kambe eJerusalem, ndaza ndanikelwa kumaRoma.

18. Andincina, aza afuna ukundikhulula, akungafumani tyala ndingabulawa ngenxa yalo.

19. Kodwa amaJuda aluchasa olu luvo, ndaza ke ndanyanzeleka ukuba ndibhenele *kuKhesare, nangona ndandingenasimangalo ndingasenzayo ngakubantu bakowethu.

20. Yiyo le nto ndinibizele ukukhe ndinibone, ndithethe nani. Eneneni ndibanjiwe nje, kungenxa yalowo ulithemba lamaSirayeli.”

21. Athe ke ukumphendula amaJuda: “Asikhange sifumane zileta ngawe zivela kwaJuda; akukhange kubekho namaJuda eza neendaba ngawe; kungakhange kubekho nanto imbi ithethwe ngawe.

22. Kodwa ke singathanda ukuziva izimvo zakho, kuba siyazi ukuba kuyo yonke indawo liyachaswa eli qela uhambisana nalo.”

Umsebenzi Wabathunywa 28