23. Kuba phezolo isithunywa sikaThixo, lo ndingowakhe ndimnqulayo, sifike kum,
24. sathi: ‘Sukoyika, Pawulos! Uza kuma phambi *koKhesare. UThixo ngokulunga kwakhe uza kubasindisa bonke aba uhamba nabo.’
25. Ngoko ke, madoda, qinani; kuba ndimthembile uThixo ukuba uya kwenza njengoko andixeleleyo.
26. Kodwa ke siya kududulwa siye kuphoswa kunxweme lwesiqithi esithile.”
27. Yayibubusuku beshumi elinesine sidudulwa luqhwithela kuLwandle lweAdriya. Kwathi malunga phakathi kobusuku, oomatiloshe bakrokrela ukuba asikude emhlabeni.
28. Baphosa intambo ebotshelelwe intsimbi emanzini, belinganisa ubunzulu bamanzi, baza bafumana ingamashumi amathathu anantandathu eemitha ubunzulu. Baphinda emva koko, baza bafumana amashumi amabini anesixhenxe eemitha.
29. Bathi ngenxa yokuba besoyika ukuba isuke inqanawa yethu iphoseke ematyeni, bazithoba zane iiankile esinqeni senqanawa, sebelangazelela ukuba kuse.
30. Oomatiloshe bazama ukuzímela, bathobela iphenyane emanzini, bezenza ngathi ba-ankila umphambili wenqanawa.
31. Kodwa wathi uPawulos kumphathi-butho: “Ukuba oomatiloshe abahlali apha enqanaweni, aninakusinda.”
32. Asuka ke amajoni azinqumla iintsontela ezazibambe iphenyane, laza lona lawa emanzini.
33. Ekuseni uPawulos wabacenga ukuba batye, esithi: “Ngoku lishumi elinesine leentsuku nilindile, ningasafaki nento le etyiwayo emlonyeni.
34. Ndiyanibongoza, yityani. Niya kuncedwa kukutya kule ngozi. Anisayi kulahlekelwa nalunwele olu.”