Umsebenzi Wabathunywa 26:6-10 Ibhayibhile (XHO96)

6. Kungokunje naku ndimi apha, ndize ematyaleni ngenxa yethemba endinalo kwidinga uThixo âlenza nookhokho bethu;

7. kanye elo dinga zililangazelelayo xa zizonke ezi zizwe zakowethu zilishumi elinambini, njengoko zimnqula uThixo imini nobusuku. Kungenxa yeli themba ke, mhlekazi, endimangalela nje amaJuda.

8. Kungani na ningakholwa nje, maJuda, ukuba uThixo uyabavusa abafileyo?

9. “Mna lo ndandiba yinto efanelekileyo ukwenza nayiphi na into, ndilichasa igama likaYesu waseNazarete.

10. Ndandisenza loo nto kanye eJerusalem. Ndandigunyaziswa ngababingeleli abaziintloko ukuba ndivalele entolongweni abantu bakaThixo abaninzi. Kwakusithi xa begwetyelwa ukufa, nam ndihambisane neso sigqibo.

Umsebenzi Wabathunywa 26