Umsebenzi Wabathunywa 26:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kudala kakade esazi, ukuba angathanda ukuyingqina loo nto, ukuba mna kwasekuqaleni ndaba lilungu lelona qela lingqongqo kunqulo lwakowethu, iqela *labaFarasi.

6. Kungokunje naku ndimi apha, ndize ematyaleni ngenxa yethemba endinalo kwidinga uThixo âlenza nookhokho bethu;

7. kanye elo dinga zililangazelelayo xa zizonke ezi zizwe zakowethu zilishumi elinambini, njengoko zimnqula uThixo imini nobusuku. Kungenxa yeli themba ke, mhlekazi, endimangalela nje amaJuda.

8. Kungani na ningakholwa nje, maJuda, ukuba uThixo uyabavusa abafileyo?

Umsebenzi Wabathunywa 26