Uluka 9:59-62 Ibhayibhile (XHO96)

59. Wathi komnye: “Yiba ngumlandeli wam.”Ke yena wathi: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.”

60. UYesu wathi kuye: “Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo. Ke wena, hamba uye kushumayela uvakalise ulawulo lukaThixo.”

61. Wathi nomnye: “Ndiya kuba ngumlandeli wakho, Nkosi, kodwa kuqala ndivumele ndiye kubulisa abendlu yam.”

62. UYesu wathi kuye: “Umntu ojonga ngasemva, ebambe ikhuba, uyabhanka. Ngokunjalo ke nomntu ophunguzayo ekhonza uThixo, uyaphoswa bubuncwane bokulawulwa nguThixo.”

Uluka 9