17. Badla ke bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.
18. Kwathi uYesu ethandaza bucala enabafundi bakhe, wababuza esithi: “Ngaba izihlwele ezi zithi ndingubani?”
19. Baphendula bona bathi: “Kuthiwa unguYohane umbhaptizi. Abanye bathi unguEliya. Kanti abanye bathi kubuye kwavuka mshumayeli uthile wamandulo.”
20. Wathi kubo: “Ke nina nithi ndingubani?”Waphendula uPetros wathi: “Unguye *uKrestu kaThixo.”
21. UYesu wabayala ngqongqo ukuba le nto bangayithethi mntwini.
22. Waza wathi uYesu: “*UNyana woLuntu umelwe kukuba eve ubunzima obukhulu; achaswe ngamadoda amakhulu, nangababingeleli abaziintloko, nangabachazi-mthetho; aze abulawe, athi emva kweentsuku ezintathu abuye avuke.”
23. UYesu ke wabhekisa kubo bonke wathi: “Osukuba ethanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele;
24. kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.
25. Kuba kaloku komnceda ntoni na umntu ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, abe yena ezilahlile okanye onakalelwe?