Uluka 7:47-50 Ibhayibhile (XHO96)

47. Ngenxa yoko ke, ndithi kuwe: olu thando lwakhe lungaka lubonakalisa okokuba izono zakhe ebezizininzi zixolelwe. Kanti ke yena oxolelwe kancinane, ukwathanda kancinane.”

48. UYesu ke wathi kuloo mfazi: “Izono zakho zixolelwe.”

49. Baza abo babehleli naye etafileni bathi omnye komnye: “Ngaba ngubani na lo uxolela nezono?”

50. UYesu ke wathi kumfazi lowo: “Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.”

Uluka 7