Uluka 7:43-50 Ibhayibhile (XHO96)

43. Waphendula uSimon wathi: “Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu.”Wathi kuye: “Uchane ucwethe!”

44. Wajika ke uYesu, wakhangela kumfazi lowo, wathi kuSimon: “Uyambona ke lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, waza wena akwandinika amanzi okuhlamba iinyawo zam; kanti ke yena iinyawo zam uzihlambe ngeenyembezi zakhe, wazisula ngeenwele zakhe.

45. Akundanganga wena; kanti yena, okoko ndingenileyo, akayekanga ukuzanga iinyawo zam.

46. Intloko yam akuyithambisanga ngamafutha; kanti yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo.

47. Ngenxa yoko ke, ndithi kuwe: olu thando lwakhe lungaka lubonakalisa okokuba izono zakhe ebezizininzi zixolelwe. Kanti ke yena oxolelwe kancinane, ukwathanda kancinane.”

48. UYesu ke wathi kuloo mfazi: “Izono zakho zixolelwe.”

49. Baza abo babehleli naye etafileni bathi omnye komnye: “Ngaba ngubani na lo uxolela nezono?”

50. UYesu ke wathi kumfazi lowo: “Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.”

Uluka 7