Uluka 7:27-32 Ibhayibhile (XHO96)

27. UYohane ngulowo uThixo atshoyo ngaye eziBhalweni ukuthi:“ ‘Naso isigidimi sam esiya kukwandulela,sikugabulele izigcawu.’

28. “Ndithi kuni, kubo bonke abazelwe kweli hlabathi akukho bani mkhulu kunoYohane; kanti noyena mncinane ùphantsi kolawulo olutsha lukaThixo mkhulu kunaye.”

29. Bakukuva oku, bonke abantu, kwanabaqokeleli-rhafu, bakungqina ukulunga kukaThixo, ekubeni babebhaptiziwe ngobhaptizo lukaYohane.

30. Ke bona *abaFarasi nabachazi-mthetho balidela icebo likaThixo lokubasindisa, kuba babengavumanga ukubhaptizwa nguYohane.

31. UYesu yena wayesithi: “Ndingabafanisa nantoni na ke ngoko abantu besi sizukulwana?

32. Bafana nabantwana abahleli ebaleni lembutho, abanye bebhekisa kwabanye besithi:“ ‘Sanombelela, naza anaxhentsa;sanihlabelela ingoma yesililo, naza nina analila!’

Uluka 7