19. wabathuma ukuba babuze kwiNkosi bathi: “Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?”
20. Efikile ke kuYesu, amadoda lawo athi: “UYohane umbhaptizi usithume kuwe esithi: ‘Ungulowo uzayo na wena, okanye masilinde omnye?’ ”
21. Ke kaloku, kwangelo xesha, uYesu wayephilisa abaninzi kwizifo zabo, nakwizibetho zabo, nakwiindimoni, waza neemfama ezininzi wazinika ukubona.
22. Waphendula ke uYesu wathi kuwo: “Hambani niye kumbalisela uYohane izinto enizibonileyo nenizivileyo; okokuba iimfama zibuya zibone, iziqhwala ziyahamba, abaneqhenqa bayahlanjululwa, izithulu ziyeva, abafileyo bayavuswa, abasweleyo bayazishunyayezwa iindaba ezimnandi.
23. Unoyolo ke othe akakhutyekiswa ndim!”